NSC exam, isiXhosa FAL P2, Novemba 2013
Assignment Type: Examination
Total Marks: Unmarked
IMIYALELO NENGCACISO
1 - Funda le miyalelo ngenyameko phambi kokuba uphendule imibuzo
2 - Musa ukuzama ukufunda lonke iphepha. Yiya kwisiqulatho kwiphepha elilandelayo uze uphawule amanani emibuzo esetwe kwiincwadi ozifundileyo kulo nyaka. Emva koko, yifunde le mibuzo uze ukhethe ofuna ukuyiphendula
3 Eli phepha linamaCANDELO amaNE - ICANDELO A: ICANDELO B: ICANDELO C: ICANDELO D: Inoveli (35) Idrama (35) Amabali amafutshane (35) Isihobe (35)
4 - Landela imiyalelo ngononophelo ekuqaleni kwecandelo ngalinye.
5 - Phendula umbuzo ube mNYE nakweliphi ICANDELO kula, A, B no C. Phendula imibuzo ibe miBINI kwiCANDELO D.
6 - Nombola iimpendulo zakho ngokuchanekileyo ngokwendlela yokunombola esetyenzisiweyo kwiphepha lemibuzo.
7 - Qala icandelo NGALINYE kwiphepha ELITSHA.
8 - Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo
9 - Ingcebiso yokulawula ixesha: Sebenzisa imizuzu engama-60 kwicandelo ngalinye.
10 IPHEPHA LESIQULATHO - Eli phepha liza kukunceda ukuba ukwazi ukukhetha imibuzo ofuna ukuyiphendula ngaphandle kokufunda lonke iphepha.
Attached Section Resource:
67e2932a-87fe-497f-920f-b5d6c299c5de.PNG
ULUHLU LOKUKHANGELA
Attached Section Resource:
dfe9dd01-4d11-4248-91f0-38903a74c2ac.PNG
ICANDELO A: INOVELI
UMBUZO 1 (UMBUZO OMDE)
Marks: 35
Question 1:

KUSA KUSIHLWA – KS Bongela
Bonisa indlela umbhali asisebenzise ngayo isimo sentlalo kule ncwadi ukuphuhlisa umxholo webali.
(240 amagama)

Your Answer:
OKANYE
UMBUZO 2 (UMBUZO OMFUTSHANE) - KUSA KUSIHLWA – KS Bongela
ISICATSHULWA A
1 - Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo
Marks: 18
Attached Section Resource:
c2dedc92-0aef-4ccc-848c-c1575e98450d.PNG
Question 1:

Iqhubeka phi le ngxoxo?

Your Answer:
Question 2:

Yintoni ebangela ukuba kubekho le ngxoxo?

Your Answer:
Question 3:

UMpumelelo ephakuphaku nje kungenxa yento eyehlela abazali bakhe. Cacisa.

Your Answer:
Question 4:

Ukukhala kukaMpumelelo kwatolikwa njani ngootitshala?

Your Answer:
Question 5:

Chaza esinye isiganeko esiye saphakuzelisa uMpumelelo esikolweni.

Your Answer:
Question 6:

Ngokolwazi lwakho lwebali ingaba uMpumelelo wayeyile emdanisweni? Xhasa impendulo yakho.

Your Answer:
Question 7:

Safobe sini esi sibhalwe ngqindilili?

Your Answer:
Question 8:

Ukuphendula ngokuthi, "Uxolo mfundisi torho, ..." kubonisa ntoni ngesimilo sikaMpumelelo?

Your Answer:
Question 9:

Umbhali usinika umfanekiso wemeko enjani ngebinzana elikrwelelwe umgca ngaphantsi?

Your Answer:
Question 10:

Ngaphandle kokuceba ukuphambanisa uMpumelelo, xela amanye amayelenqe amabini awenziwe nguNozililo kuye.

Your Answer:
Question 11:

Bonisa indlela obusetyenziswe ngayo ubuhlanga ekubangeni le venkile yakwaNtsibande

Your Answer:
Question 12:

Wenza ntoni uNozililo ukuxabanisa uThamsanqa noNomakhwezi?

Your Answer:
ISICATSHULWA B
1 - Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo
Marks: 13
Attached Section Resource:
81a51039-ef71-4886-99d5-2a4c1a2155bb.png
Question 1:

Uphanda ngantoni uMpumelelo ezifundweni zakhe?

Your Answer:
Question 2:

Olu phando lwenziwe nguMpumelelo lubaluleke ngantoni kwimfundo yakhe?

Your Answer:
Question 3:

Igama "iqhenqa" njengoko lisetyenzisiwe kwisicatshulwa sisikweko okanye sisaci?

Your Answer:
Question 4:

Benza ntoni abafundisi-ntsapho ukuncedana nabafundi kule ngxaki yokusebenzisa amayeza ngokungekho mthethweni?

Your Answer:
Question 5:

Matanisa intetho efihlakeleyo ekuKHOLAM A nentsingiselo yayo ekuKHOLAM B.

Attached Resource:
a88d7ced-1e1a-4825-9d6c-b90aa0d0eb02.PNG
Your Answer:
Question 6:

Ngokwesi sicatshulwa, eli bali likweliphi inqanaba lesakhiwo?

Your Answer:
Question 7:

Ingaba uMpumelelo wawufezekisa umyolelo kayise? Xhasa impendulo yakho

Your Answer:
Question 8:

Ungayingqina njani? intetho ethi, "Lo mzi wakwaNtsibande udalelwe ukuba ukhonze isizwe"

Your Answer:
UMBUZO 3 (UMBUZO OMDE)
Marks: 35
Question 1:

UMQOL'UPHANDLE – PM Ngani
Bonisa indlela umbhali asisebenzise ngayo isimo sentlalo kule ncwadi ukuphuhlisa umxholo webali.
(240 amagama)

Your Answer:
OKANYE
UMBUZO 4 (UMBUZO OMFUTSHANE) - UMQOL'UPHANDLE – PM Ngani
ISICATSHULWA A
1 - Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo
Marks: 18
Attached Section Resource:
da546ef2-b2ce-4933-bba3-61d20fc08c31.PNG
Question 1:

Yayiyintoni injongo yotyelelo lukaHlobo emzini kaJoe?

Your Answer:
Question 2:

Chonga igama elibonisa ukuba lo mntu uthetha apha utyebile kakhulu.

Your Answer:
Question 3:

Ibaluleke ngantoni le ntwazana kuthethwa ngayo nguJoe noHlobo?

Your Answer:
Question 4:

Ingaba uJoe waphumelela ukulinceda eli nenekazi? Xhasa impendulo yakho.

Your Answer:
Question 5:

Nika ubungqina obutsha uHlobo awathi wabufumana kweso singa wayesiwe kuso nguJoe.

Your Answer:
Question 6:

Xela isafobe esisetyenzisiweyo kwibinzana elibhalwe ngqindilili kwesi sicatshulwa

Your Answer:
Question 7:

Ukuba ungaligqwetha likaLinda zeziphi izinto ezimbini obunokumkhupha ngazo kwesi sityholo sokubulala uEddie noLulama?

Your Answer:
Question 8:

Sesiphi isiganeko esilandela emva kwesi sotyelelo lukaHlobo kwaJoe Bumba?

Your Answer:
Question 9:

Umba wokuthengiswa kwentsangu ube nafuthe lini ukuqhubekelisa phambili ibali?

Your Answer:
Question 10:

Ukuba nomonde kukaHlobo kuJoe lo kwaba luncedo ukuqhubela phambili uphando lwakhe njengomcuphi. Ngqina oku ngokwasebalini

Your Answer:
Question 11:

Chaza indima edlalwe nguThembisa Ntlokonkulu ekubanjweni kukaLinda.

Your Answer:
ISICATSHULWA B - Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo.
Marks: 18
Attached Section Resource:
21d22873-68a0-4124-b850-7e001f1e5de7.png
Question 1:

Xela indawo awayesingise kuyo lo kaHlobo ngobu busuku.

Your Answer:
Question 2:

Yintoni injongo yokuba aqale athinte amapolisa kwesi sitishi phambi kokuba ahambe?

Your Answer:
Question 3:

Kwakutheni ukuze lo mfo wakwaHlobo acime izibane adwabaze ebumnyameni xa esiya kule ndawo uyichaze kumbuzo 4.2.1?

Your Answer:
Question 4:

Saba yintoni isiphumo sokufunyanwa kwetape recorder kweli tyala lingoEddie?

Your Answer:
Question 5:

Chonga ibinzana elibonisa ukuba kwakusebusuku ngale mini

Your Answer:
Question 6:

Ibinzana "... bengamaxhakaxhaka angaqondakaliyo phantsi kwamavuxavuxa eedyasi nezankwane ezitsalwe zabugquma ubuso ..." lisinika umfanekiso wabantu abanjani?

Your Answer:
Question 7:

Khetha impendulo echanekileyo:
Ibinzana elithi: "Ibe ngunyaka onesiqhuma," lithetha:

Your Answer:
Question 8:

Le ngxoxo babeyibambe ngaphakathi emotweni aba bantu kuthethwa ngabo kwesi sicatshulwa yayingantoni?

Your Answer:
Question 9:

Khankanya izinto zibe mbini ezingekho mthethweni ezenziwa ngamadoda aseMoonglow abonakala ehloniphekile ngenkangeleko nangokuthetha

Your Answer:
Question 10:

UHlobo wayeyicebile kakuhle le ndlela yokubhabhisa le migewu. Khankanya into ibe nye ebonisa oko.

Your Answer:
Question 11:

UHlobo wayevuyiswa yintoni lakumiswa ityala lokufa kukaEddie noLulama?

Your Answer:
ICANDELO B: IDRAMA
UMBUZO 5 (UMBUZO OMDE) - NDIYEKENI – DM Jongilanga
Marks: 35
Question 1:

Bonisa indlela umbhali asisebenzise ngayo isimo sentlalo kule ncwadi ukuphuhlisa umxholo webali.
(240 amagama)

Your Answer:
OKANYE
UMBUZO 6 - (UMBUZO OMFUTSHANE) NDIYEKENI – DM Jongilanga
1 - Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo
Marks: 26
Attached Section Resource:
3a9c9495-399f-499f-8f07-c4c744267332.PNG
Question 1:

Ulwazi lokuba le ncoko iqhubeka kwaMawonga silufumana phi kwisicatshulwa?

Your Answer:
Question 2:

Khetha impendulo echanekileyo kwezi zilandelayo:
Xa umbhali esithi iinduma zaphezolo zazingahlanjwanga ncamnca uthetha ukuba uMawonga wafika:

Your Answer:
Question 3:

Le ncoko iqhubeka kweliphi inqanaba lesakhiwo salo mdlalo?

Your Answer:
Question 4:

Injongo kaMaziko yokumpimpa uNdila kuMawonga yayiyintoni?

Your Answer:
Question 5:

UThandiwe ubonakala enonxunguphalo ngesimo sikaMawonga. Chonga la mazwi abonisa unxunguphalo

Your Answer:
Question 6:

Sesiphi isenzo esenziwa nguMawonga ukubonakalisa ukuba akanamandla?

Your Answer:
Question 7:

Ukuba uMawonga noThandiwe ibingabazali bakho ubungaziva njani?

Your Answer:
Question 8:

Bobuphi ubunzima ajongene nabo uThandiwe ngale mini?

Your Answer:
Question 9:

UMadala uyabandakanyeka ekuphelelweni ngumsebenzi nokunxila kukaMawonga. Ungathi uMadala ngumntu onjani njengenkokheli?

Your Answer:
Question 10:

UThandiwe yinkosikazi enjani emzini wakhe?

Your Answer:
Question 11:

Ubomi bukaMawonga batshintsha njani emva kokuba ephelelwe ngumsebenzi?

Your Answer:
Question 12:

Yinyani okanye asiyonyani ukuba uMawonga ebese abantu eMtata? Nika isizathu sempendulo yakho.

Your Answer:
Question 13:

Saba yintoni isiphelo sikaMawonga?

Your Answer:
Question 14:

UNomasoka kunye noRay ibaphethe njani imeko yokunxila kukaMawonga?

Your Answer:
Question 15:

Bonisa ukuchaneka kwegama, "ibali" kwimpendulo kaMawonga ethi:
"Kanti ibali linye imoto ibingamanga kakuhle."

Your Answer:
Question 16:

Ingaba uMawonga wayeyifuna nyhani ikofu? Nika isizathu sempendulo yakho.

Your Answer:
Question 17:

Kutheni ooFuneka besebenzise uJerry xa befuna ukungenisa uMawonga emgibeni wotywala?

Your Answer:
Question 18:

Yintoni eyenzeka kuMawonga ebangela ukuba uThandiwe athi, 'azi iya kuphelela phi na le nto?

Your Answer:
Question 19:

Amazwi kaMawonga awabhekisa kuNdila athi, "Indoda ayikhwazi ingekaphumi ehlathini," azaliseke njani?

Your Answer:
ISICATSHULWA B
1 - Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo
Marks: 9
Attached Section Resource:
cd09f66a-16f2-428e-b7b5-08ecb8484a48.PNG
Question 1:

Khetha eyona mpendulo ichanekileyo:
Umbuzo othi, "Kunjani ngeti papa"? injongo yawo …

Your Answer:
Question 2:

Nika iingxaki ezimbini okumfake kuzo uMawonga ukuzama ukukholisa abahlobo bakhe?

Your Answer:
Question 3:

Bekutheni ukuze uMawonga abe lilolo ngoMgqibelo?

Your Answer:
Question 4:

Uthetha ukuthini uMawonga xa esithi, "Besendingxamele ukubhekabheka?"

Your Answer:
Question 5:

Akuzibona ingxaki akuyo uMawonga ekugqibeleni, uthathe isigqibo sokuyisombulula njani le meko?

Your Answer:
Question 6:

Nika intsingiselo yentetho ethi, "... ookhetshe noontloyiya bazungulana neenkedama zamantshontsho ngokwalapha kwisicatshulwa

Your Answer:
ICANDELO C: AMABALI AMAFUTSHANE
NDAKUYICELA IVUTHIWE – LL Ngewu no EZ Guqa
UMBUZO 7 (UMBUZO OMDE)
Marks: 35
Question 1:

UMHLAHLO NGAMEHLO – LL Ngewu
Bonisa indlela umbhali asisebenzise ngayo isimo sentlalo kweli bali ukuphuhlisa umxholo webali.
(240 amagama).

Your Answer:
OKANYE
UMBUZO 8 (UMBUZO OMFUTSHANE)
IZIBHOVUBHOVU ZASEBHAYI – LL Ngewu
ISICATSHULWA A - Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo
Marks: 18
Attached Section Resource:
0ea0e234-2f7f-49d5-9af5-da6c766e5aae.PNG
Question 1:

Lithetha ukuthini eli binzana "... zihamba ngokukhululekileyo ..."?

Your Answer:
Question 2:

Kwenzeka ntoni ukuze eli tyala lezi zikrelemnqa liphelele esithubeni?

Your Answer:
Question 3:

UMaqhazolo wayengenanjongo yokusibulala esa sikrelemnqa wasidubulayo. Ngqina oku.

Your Answer:
Question 4:

Ungathi uMaqhazolo lo ungumntu onjani? Xhasa impendulo oyinikileyo.

Your Answer:
Question 5:

Luvo luni oluziswa ngumbhali ngobomi bobukremlenqa xa ezinye izikrelemnqa ziphela emehlweni zishiye esinye silimele?

Your Answer:
Question 6:

Khetha impendulo echanekileyo kwezi zikwizibiyeli.
"... zingacelanga nendlela njengesiqhelo," kusetyenziswe (isikweko/impoxo).

Your Answer:
Question 7:

Ngowuphi umoya oziswa ngala mazwi angezantsi apha kweli bali?
"... azula ezindlwini exakwe ukuba aza kuzifihla phi na. ... akroba kancinci ngezikroba zezitshixo zeengcango zemizi yazo izibilini ziphezulu."

Your Answer:
Question 8:

Matanisa isiganeko esikuKHOLAM A nenqanaba esenzeke kulo ebalini elikuKHOLAM B.

Attached Resource:
6f0b8389-2720-4126-8224-e400c65df802.PNG
Your Answer:
Question 9:

Mfundiso ni efumaneka kweli balana?

Your Answer:
Question 10:

Kutheni umbhali ezinike eli gama, "izibhovubhovu" ezi zikrelemnqa?

Your Answer:
Question 11:

Ingaba isiphelo seli balana usibona sifanelekile? Xhasa impendulo oyinikileyo.

Your Answer:
ISICATSHULWA B - Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo.
Marks: 17
Attached Section Resource:
37f99799-2b6f-4676-b243-e2214585e7fb.PNG
Question 1:

Ngubani lo mfo waseBhayi kuthethwa ngaye?

Your Answer:
Question 2:

Kwakutheni ukuze lo mfo waseBhayi abethwe de arhoxozele ngamadoda aseDikeni?

Your Answer:
Question 3:

Igama, 'ingxwelerha', libonisa ukuba lo mfo waseBhayi wayekwimo.
Khetha impendulo echanekileyo kwezi zilandelayo

Your Answer:
Question 4:

Chonga isivakalisi esithetha ukuba kwakudityaniswa iinyama zalo mfo ezazixobuke zesuka emzimbeni.

Your Answer:
Question 5:

Izibhovubhovu zaseBhayi zazifika zithathe ntoni emzini xa zingayifumananga imali?

Your Answer:
Question 6:

Yintoni eyenza ukuba ukulila komama walo mfo kube sisigqebelo?

Your Answer:
Question 7:

Lo mfo kuthethwa ngaye kwesi sicatshulwa ukubonakalisa njani ukuguquka apha ebalini?

Your Answer:
Question 8:

Umbhali ubaveze njengabantu abanjani abakwantsasana kweli bali?

Your Answer:
Question 9:

Ingaba sasilungile isigqibo samadoda aseDikeni sokuyeka iinto zawo zithathwe ngolunya zizikrelemnqa angazilweli? Xhasa impendulo oyinikileyo.

Your Answer:
Question 10:

Kutheni umbhali enze ukuba ezi zikrelemnqa zibe zezaseBhayi?

Your Answer:
Question 11:

Yintoni eyenze ukuba amadoda aseDikeni abe ngamaxhoba ezibhovubhovu?

Your Answer:
Question 12:

Ukutshintsha kwemo-ntlalo yaseDikeni ngenxa yezibhovubhovu, kusithobe njani isidima samadoda aseDikeni?

Your Answer:
ICANDELO D: ISIHOBE
VUKANI MADODA KUSILE – A Stemela: Umhleli
Phendula nayiphi imibuzo emiBINI.
UMBUZO 9 (UMBUZO OMFUTSHANE) - Funda lo mbongo ungezantsi uze wandule ukuphendula imibuzo elandelayo.
Marks: 18
Attached Section Resource:
44c7925d-4130-4a21-8021-766d48bbd53c.PNG
Question 1:

Kumqolo wokuqala chonga igama elibonakalisa ukuba esi sisibongo somthonyama

Your Answer:
Question 2:

Ziziphi iimpawu ezimbini zendoda efunwa yimbongi kwisitanza soku-1?

Your Answer:
Question 3:

Xela into ibe nye ancedwe ngayo amagwala ziimbongi zakwaNtu.

Your Answer:
Question 4:

Nika isithethantonye sesifanekisozwi esinomgca ngaphantsi.
Ibek' izigigaba kutsho kuthi gabu amafu

Your Answer:
Question 5:

Ingaba indoda 'ethetha inyaniso' efunwa yimbongi ngokwalo mbongo isekho? Xhasa impendulo yakho.

Your Answer:
Question 6:

Nguwuphi umyalezo odluliswa ngala mabinzana kulo mbongo?
"Zabonga mandulo aqin' amagwal' ay' emfazweni."
"Zawukhaphela umkhosi zawukhupha esangweni."

Your Answer:
Question 7:

Safobe sini esisetyenziswe kula mabinzana?
"Ath' ebelil' iinyembezi zajika zazezovuyo,
Ath' ebehlininika, kwajika kwakokoncumo."

Your Answer:
Question 8:

Ibhekisa koobani imbongi ngamazwi athi, 'izinja zakomkhulu'?

Your Answer:
Question 9:

Chonga imisebenzi emithathu yembongi ngokwesitanza sesi-4.

Your Answer:
Question 10:

Siphene sini esibonwa yile mbongi kwiimbongi ngokwesitanza sesi-4?

Your Answer:
Question 11:

Bonisa uphindaphindo olukumqolo wama-27 ngokulukrwelela umgca ngaphantsi.

Your Answer:
Question 12:

Yintoni onokungqina ngayo ukuba imbongi le inabo ubuKrestu?

Your Answer:
Question 13:

Caphula amazwi embongi kwisitanza sesi-4 athetha ukuba iimbongi ezi ziyakuthanda ukuthetha.

Your Answer:
OKANYE
UMBUZO 10 (UMBUZO OMFUTSHANE) - Funda lo mbongo ungezantsi uze wandule ukuphendula imibuzo elandelayo
Marks: 18
Attached Section Resource:
342aec4a-003c-469a-8c57-1b89b3898920.PNG
Question 1:

Ucinga ukuba kwakutheni le ntlanganiso yakwaSele ize ibanjelwe phezu kodonga lomlambo?

Your Answer:
Question 2:

Iindidi ezimbini zamasele ezazikule ntlanganiso yi ... ne ...

Your Answer:
Question 3:

Ithetha ukuthini imbongi xa isithi:
"Uphume ngendlu umzi kaSele".

Your Answer:
Question 4:

Kucaca ukuba le "nkonyana yohlanga" ikhahlelwayo liliphi isele?

Your Answer:
Question 5:

Xela izinto ezintathu azenza ngokufana nabantu la masele kwizitanza ezibini zokuqala zalo mbongo?

Your Answer:
Question 6:

Chaza indlela imbongi ezakhe ngokufanayo ngayo izitanza ezibini zokuqala

Your Answer:
Question 7:

Khetha impendulo ibe NYE echanekileyo.
Umfanekiso ntelekelelo oziswa sisifanekisozwi, "vumbululu" ngo-…

Your Answer:
Question 8:

La magama, "avunuka, aguguma" athetha ukuba ayekweyiphi imo amasele?

Your Answer:
Question 9:

Ucinga ukuba amazwi kaXoxwazana akwimiqolo yama-13–15 ngamazwi akhuthazayo? Xhasa impendulo yakho.

Your Answer:
Question 10:

Kumqolo we-20 nowe-24 imbongi ibonakalisa ubugwala ngesafobe. Sixele uze uchaze ukuba siwudlulisa njani loo myalezo.

Your Answer:
Question 11:

Sisetyenziselwe ukubonisa ntoni isifanekisozwi ezibhalwe ngqindilili kumbongo?

Your Answer:
OKANYE
UMBUZO 11 (UMBUZO OMFUTSHANE) - Funda lo mbongo ungezantsi uze wandule ukuphendula imibuzo elandelayo
Marks: 18
Attached Section Resource:
9b62c81d-ec3c-4a75-b404-e179ab3d4b6c.PNG
Question 1:

Gqibezela esi isivakalisi ngokufakela amagama akwibhokisana kwindawo efanelekileyo.


Lo mbongo uyi (11.1.1) ... kuba unemiqolo (11.1.2) ... kwaye imiqolo e (11.1.3) ... yokuqala ibizwa ngokuba yi-okthevi.

Attached Resource:
7ad41922-9959-4782-85eb-70fff0a1cfd9.PNG
Your Answer:
Question 2:

Nika intsingiselo eziswa ligama "yobobo" kumqolo woku-1.

Your Answer:
Question 3:

Uphindaphindo olukwizandi zokuqala kwimiqolo woku-1 nowesi-2 lubizwa ngokuba (11.3.1) ... luze olukumagama okugqibela kwakule miqolo lubizwe ngokuba (11.3.2) ...

Your Answer:
Question 4:

Isafobe esisetyenziswe kumqolo we-7 siphuhlisa ntoni?

Your Answer:
Question 5:

Isetyenziselwe ntoni imvano-siphelo ephawulwe ngqindilili kule kwatreni?

Your Answer:
Question 6:

Uthetha ukuthini umbhali xa esithi:
"Izimvo zabo ziluqilimba njengesinyithi?"

Your Answer:
Question 7:

Khetha impendulo echanekileyo ibe nye.
Xa kusithiwa, "izimvo zabo bubunzulu bolwandle" kuthethwa ukuba:

Your Answer:
Question 8:

Ithetha ngantoni imbongi ngegama "izivondoviya"?

Your Answer:
Question 9:

Imbongi ithi kunasiphi isiphumo ukungqubeka matyeni manye?

Your Answer:
Question 10:

Nika intsingiselo yomqolo we-13 othi, "... igazi liyajiya kunamanzi" ngokwalo mxholo?

Your Answer:
Question 11:

Yiyiphi imfundiso efumaneka kulo mbongo?

Your Answer:
Question 12:

Umbhali ubhekisa koobani ngamagama akrwelelwe umgca ngaphantsi?

Your Answer:
Question 13:

Sidaleke njani isingqisho kulo mbongo?

Your Answer:
OKANYE
UMBUZO 12 (UMBUZO OMFUTSHANE) - Funda lo mbongo ungezantsi uze wandule ukuphendula imibuzo elandelayo
Marks: 20
Attached Section Resource:
0961a7e0-b0d1-4c4c-ab3a-7bb76e7e3b9b.PNG
Question 1:

"Lwabeth'uvalo lundityel'uba yeyam."
Bhala isithethantonye segama elinomgca ngaphantsi.

Your Answer:
Question 2:

Gqibezela esi isivakalisi ngokufakela amagama akwibhokisana kwindawo efanelekileyo.


Kwisitanza soku-1 imbongi ikhumbula umfanekiso we (12.1.1) ... ebhabhayo ethe yaku (12.1.2) ... iimpiko zayo ngu (12.1.3) ... kwavela obona buhle bayo

Attached Resource:
a33e4980-706e-4794-8d6b-808fb46642a1.PNG
Your Answer:
Question 3:

Kwisitanza soku-1 imbongi isebenzise liphi igama ukubonisa ukuba inkonjane lichule lokubhabha?

Your Answer:
Question 4:

Matanisa isafobe kunye nomqolo

Attached Resource:
f259fcf3-eeeb-44af-8428-447f3842e78e.PNG
Your Answer:
Question 5:

Matanisa isafobe kunye nomqolo

Attached Resource:
25485468-7dee-4947-a5c0-a94625bc961e.PNG
Your Answer:
Question 6:

Ifana njani intsingiselo yomqolo wesi-5 neyomqolo wama-22?

Your Answer:
Question 7:

Kwisitanza sesi-5 yintoni ebangela ukuba imbongi isebenzise ibinzana, "wenzala yam" xa ithetha ngenkonjane?

Your Answer:
Question 8:

Emva kokufundisisa wonke umbongo, nika naziphi na iimpawu ezimbini zenkonjane?

Your Answer:
Question 9:

Xa kusithiwa yimfezek'ingqibelelo kwisitanza sesi-4 kuthethwa ukuthiwani?

Your Answer:
Question 10:

Xhasa ngobungqina obukulo mbongo ukuba imbongi nayo ikholelwa ukuba inkonjane inobungcwele.

Your Answer:
Question 11:

Injani imo yembongi kulo mbongo uwonke?

Your Answer:
Question 12:

Chaza injongo yokuphindaphindwa kombuzo buciko kwisitanza sesi-6?

Your Answer:
© 2025, Obami Networks  |  Live