ISICATSHULWA A
NGENXA KANANDIPHA
1 UDUmezweni, umfana kaMbuso, wavuka ngonyezi awayuehlala kuwo eColosa, wee nyebelele wabetha ngezikaTshiwo kuloo ndlela iqatywe mnyama isinga edolphini eDutywa. Wayeqhutywa yintliziyo eyophayo, ephethwe ngumvandedwa kwaye ke akazange alale buthongo buhlayo kwezo ntsuku. Ingqondo yakhe yayixinene, imomene, ixikixwa ziingicnga ezaziyiqweqwedisela phesheya kwemilambo enamagama. Wayexhalabile ekhathazwa luvalo. Imbangi ludaba olwaluphalazwe ezindlebeni zakhe nguNandipha, isithandwa sakhe, elila ezimathonts' abanzi iinyembezi esithi uDumezweni umphathisile. Wayesel' evela kwagqirha uNanidpha, ngokutsho kwakhe, kwafumaniseka ukuba senyanga-ntathu ekhulelwe
2. Kwathi akuva olo daba umfana yagungqa yashenxa esihlalweni sayo intliziyo yakhe, ekhumbula amazwi angaginyekiyo kayise owakha wamtyityimbisela umnwe esithi mhla weva ukuba wenze umonakalo onjalo engatshatanga, uya kuze amnyathele esiswini amathumbu aphume ngomlomo, okanye amhlambe phakathi kwamasango omzi wakhe. Wayeyazi kakhuhle engayithandabuzi inkohlakalo kayise uDumezweni kwaye ke kwakunokwenzeka ukuba akabhibhidli mazinyo kuloo mazwi alukhuni.
3. UDumezweni lo wayefunda kwibanga lesibhozo kwisikolo saseColosa noNandipha lowo wayekwakwelo banga. Kwakudlule iinyanga ezintandathu bethandana. Le nyanga wayemxelela ngayo uNandipha yayiyeyoMsintsi, sekumbovu kubhalwe iimviwo zokuphela konyaka. UDumezweni nangona wayencwase ukufunda ade ayokufikelela kwyYunivesithi yaseTranskei, azuze imithika yezidanga zemfundo enomsila, waziva enyanzelekile ukuba ayincame okwelo thuba, asabe ingqumbo kayise.
4. Wafika eDutywa xa kumpondo-zankomo, walindela uloliwe oya eRhawutini.Wayejonge ukusabela kuninalume owayephangela eJeppe, eRhawutini, ehlala eChiawelo. Wakhwela ngemali yokuthenga iincwadi zesikolo. Yathi ibetha imini emaqanda yemini elandelayo wabe ewela iGqili, uloliwe wanaba okwesongololo ukucanda loo mathafa aseFreyistathi, waya kumtyekeza ePark Station eRhawutini umfana kaMbuso ngenj' ixukuxa ngosuku lwesithathu endulukile eDutywa. Waqesha iteksi yaya kumbeka eChiawelo phambi kwendlu awayehlala kuyo uninalume.
5. Wadana wangathi uphuzwe yinja phakathi kwamanenekazi akubona abantu angabaziyo kuloo ndlu, bamxelela ukuba uninamalume aksahlali apho, watsintshelwa eAlberton ngaseGermiston kwaye ngoku uhlala elokishini eThokoza apho afuduke khona. Wafa namthanyana kuba wayengayazi loo ndawo kuthiwa ukuyo. Wagqiba kwelokuba afune umsebenzi edolophini eRhawutini. Wazula-zula imini yonke, engena ephuma, ephuma engena kwimizi-mveliso lada latshona tshoce ilanga laloo mini engawufumani. Ingxaki ke ngoku kusakuhlwa yaba kukufumana imndawo yokubeka amacala. Waya ehotele wazithengela imbodlela yotywala besilungu, waphuma eyigonile,eyiqinise ngokungathi iza kuhluthwa aphulukane nayo. Wabhadula wada waya kufika erenkini yeebhasi zaseSoweto. Wayeziva esemqheleni omnandi kuba phaya ehotele wakha warhabula kanobom kuloo ndyuwe wayeyiphethe. Wathenga itikiti, wakhwela esithi uya eSoweto. Wayelawulwa ngumqhele, engayazi naloo ndawo athi uya kuyo kwaye engazi mntu apho.
6. kwathi xa kuphiphiphi, sewungcono nok' umqhele, wakhumbula ubugebenga baseSoweto awayekhe abaliselwe ngabo, wemisa, wehla esithubeni kuloo bhasi sekumnyama mpela ngoku. Wahamba ngeenyawo ithutyana, efuna indawo angalala kuyo, wathi vovololo, tywaa ecaleni kwendunduma. Waphinda waziqabula ngotywala wabufinca, ecima ezo ntsizi wayefikile kuzo. Kule ndawo wayengqengqe kuyo wayeqamele ngelitye elinomphezulu ongqukuva. Wawuvakala kamnandi umqhele, umbamabzela emphefumlweni, wahlaziyeka, waziva enamathemba amatsha osuku olulandelayo. Kusenjalo walala yoyi.
7. Kwathi ezinzulwini zobusuku waphupha kugqutha umoya woqhwithela, imvula inetha amaxhegwazana. Kusenjalo, wohlo yadilika loo ndunduma phezu kwakhe. Wothuka waxhuma ekhuza. Tyhini! Liphupha. Oko kuxhuma nokukhuza kwakhe kothusa isilo esasilele kufuphi kuye. Naso senza owenkawu, sagqotsa sibhanxekile, kwavakala ukurhwashazela kwengca, kwathi tyolokobo, tyobo sityhobeka kwityholo elikufuphi. Oko kuvumbuluka kwaso ngesiquphe kwamathusa ngakumbi uDumezweni, lwathi merhe uvalo, izibilini zanyuka ngephanyazo zangathi zizia kuphuma ngomlomo. Abuzange buphinde buhle ubuthongo kuDumezweni emva koko kwada kwasa.
8. Ukuphuma kwelanga waphakama apho enengevane, wacothoza okonwabu esiya edolophini. Wabetha ngezikaTshiwo kwindlela emfutshane enqumla kwelaa tyholo sasingene kulo esaa silo sasivumbuluke ecaleni kwakhe ebusuku. Kwathi engekatyhutyha-tyhutyhi kakhulu wasibhaqa phambi kwakhe sidunduluze gangalala, itshoba lilele umbethe. Kwathi kanti yinkunzi yembadala. Wancuma emangalisiwe uDumezweni. Kwangoko wayiphakamisa loo nyamakazi wayityatha emagxeni wemka nayo. Wayexakiwe ukuba uza kuyihlinza ayiphekele phi na. Kwathi engakahambi thuba lide wadibana namadoda esebenza emgaqweni wezithuthi, walinga ukuyithengisa kuwo. Wakhwela emqolo phezu kweqhinga unyana kaMbuso, akatsho ukuba uyichole ifile koko wathi uyizingele wayibulala
Qaphela: Phendula yonkeimibuzo usebenzisa amazwi akho ngaphandle kokuba ucelwe ukuba ucaphule.Kwiimpendulo ezifuna igama elinye bhala kuphela inombo yombuzo negama elifunwayo.
-----------------------
1.1 Jonga kumhlathi 1
1.1.1 Wayehlala phi uDumezweni?